-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Números 7:5|
Zithabathe kuzo zibe zezokusebenza umsebenzi wentente yokuhlangana, uzinike abaLevi, elowo ngokomsebenzi wakhe.
-
6
|Números 7:6|
Wazithabatha ke uMoses iinqwelo neenkomo, wazinika abaLevi.
-
7
|Números 7:7|
Ezimbini iinqwelo neenkomo ezine wazinika oonyana bakaGershon ngokomsebenzi wabo;
-
8
|Números 7:8|
ezine iinqwelo neenkomo ezisibhozo wazinika oonyana bakaMerari ngokomsebenzi wabo, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
-
9
|Números 7:9|
Ke oonyana bakaKehati akabanikanga nto, ngokuba umsebenzi wengcwele obuphezu kwabo bebewuthwala ngegxalaba bona.
-
10
|Números 7:10|
Zasondeza izikhulu iminikelo yokusungulwa kwesibingelelo mini sathanjiswa, zawusondeza izikhulu umnikelo wazo phambi kwesibingelelo.
-
11
|Números 7:11|
Wathi uYehova kuMoses, Soba sinye isikhulu ngemini, soba sinye isikhulu ngemini, ukusondeza umsondezo waso, ukusisungula isibingelelo.
-
12
|Números 7:12|
Owawusondezayo umsondezo wakhe ngemini yokuqala waba nguNashon unyana ka-Aminadabhi, wesizwe sakwaYuda.
-
13
|Números 7:13|
Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
-
14
|Números 7:14|
lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7