-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Números 7:25|
Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele, ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
-
26
|Números 7:26|
lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
-
27
|Números 7:27|
yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
-
28
|Números 7:28|
yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
-
29
|Números 7:29|
ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaEliyabhi, unyana kaHelon.
-
30
|Números 7:30|
Ngemini yesine kwasondeza inkulu yoonyana bakaRubhen, uElitsure unyana kaShedeyure.
-
31
|Números 7:31|
Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
-
32
|Números 7:32|
lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
-
33
|Números 7:33|
yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
-
34
|Números 7:34|
yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7