-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
55
|Números 7:55|
Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
-
56
|Números 7:56|
lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
-
57
|Números 7:57|
yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
-
58
|Números 7:58|
yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
-
59
|Números 7:59|
ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaGamaliyeli, unyana kaPedatsure.
-
60
|Números 7:60|
Ngemini yesithoba kwasondeza inkulu yoonyana bakaBhenjamin, uAbhidan unyana kaGidiyoni.
-
61
|Números 7:61|
Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
-
62
|Números 7:62|
lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
-
63
|Números 7:63|
yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
-
64
|Números 7:64|
yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7