-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Números 19:6|
Umbingeleli wothabatha ke umsedare, nehisope, nosinga olubomvu, aziphose ezo nto phakathi kokutsha kwethokazi;
-
7
|Números 19:7|
ahlambe iingubo zakhe umbingeleli, ahlambe umzimba wakhe ngamanzi, angene emveni koko eminqubeni, abe yinqambi umbingeleli kude kuhlwe.
-
8
|Números 19:8|
Lowo ulitshisileyo makazihlambe iingubo zakhe ngamanzi, ahlambe umzimba ngamanzi, abe yinqambi kude kuhlwe.
-
9
|Números 19:9|
Indoda ehlambulukileyo yoluwola uthuthu lwethokazi, ilubeke ngaphandle kweminquba endaweni emhlophe, lugcinelwe ibandla loonyana bakaSirayeli, lube lolwamanzi okuhlamba ukungcola: lidini lesono eli.
-
10
|Números 19:10|
Oluwolayo uthuthu lwethokazi wazihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi kude kuhlwe; kube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli, nakowolunye uhlanga oluphambukele phakathi kwabo.
-
11
|Números 19:11|
Ochukumisa ofileyo kuzo izidumbu zabantu, woba yinqambi iintsuku ezisixhenxe.
-
12
|Números 19:12|
Wothi ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe azihlambulule isono, ahlambululeke ke. Ukuba ke akathanga azihlambulule isono ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe akayi kuba uhlambulukile.
-
13
|Números 19:13|
Bonke abo bachukumisa ofileyo, isidumbu somntu, bangazihlambululi isono, bawenza inqambi umnquba kaYehova. Wonqunyulwa ungabikho kwaSirayeli loo mphefumlo; ngokuba engatshizwanga ngamanzi okuhlamba ukungcola phezu kwakhe, woba yinqambi; ubunqambi bakhe busekuye.
-
14
|Números 19:14|
Nguwo lo umyalelo xa athe umntu wafela ententeni; bonke abo bangena ententeni, nabo bonke abasukuba besesententeni, boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.
-
15
|Números 19:15|
Zonke izitya ezivulekileyo, ezingenasiciko sibotshiweyo, ziziinqambi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10