-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Números 19:16|
Bonke abasukuba bemchukumisa emaphandleni obulewe ngekrele, nokuba ngofele khona, nokuba lithambo lomntu, nokuba lingcwaba: bona boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.
-
17
|Números 19:17|
Bomcaphulela oyinqambi eluthuthwini lokutsha kwedini lesono, kubekwe phezu kwalo amanzi aphilileyo ngesitya;
-
18
|Números 19:18|
indoda ehlambulukileyo ithabathe ihisope, iyithi nkxu emanzini, ifefe intente, neempahla zonke, nabantu ababekuyo, nalowo uchukumise ithambo, nobuleweyo, nofileyo, nokuba ke kusengcwabeni.
-
19
|Números 19:19|
Wofefa ohlambulukileyo koyinqambi ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe, amhlambulule ke isono ngomhla wesixhenxe, azihlambe iingubo zakhe, ahlambe umzimba ngamanzi; wohlambuluka ke ngokuhlwa.
-
20
|Números 19:20|
Ke umntu osukuba eyinqambi, angazihlambululi isono, loo mphefumlo mawunqunyulwe phakathi kwesikhungu; ngokuba uyenze inqambi ingcwele kaYehova, akatshizwa ngamanzi okuhlamba ukungcola; uyinqambi.
-
21
|Números 19:21|
Woba ngummiselo ongunaphakade kubo: okokuba ofefa ngamanzi okuhlamba ukungcola, makazihlambe iingubo zakhe; nalowo uchukumisa amanzi okuhlamba ukungcola woba yinqambi kude kuhlwe.
-
22
|Números 19:22|
Yonke into asukuba eyichukumisa oyinqambi yoba yinqambi; nomphefumlo omchukumisayo woba yinqambi kude kuhlwe.
-
1
|Números 20:1|
Bafika oonyana bakaSirayeli, lonke ibandla, entlango yaseTsin ngenyanga yokuqala; bahlala abantu eKadeshe. Wafela khona uMiriyam, wangcwatyelwa khona.
-
2
|Números 20:2|
Lalingenamanzi ibandla.
-
3
|Números 20:3|
Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, babambana abantu noMoses, bathi, Akwaba sibe siphume umphefumlo oko abazalwana bethu baphuma umphefumlo phambi koYehova!
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10