-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Números 21:15|
Namathambeka ezibhaxa, Olukela ekhayeni laseAri, Ayame umda wakwaMowabhi.
-
16
|Números 21:16|
Banduluka khona, baye eBhere; elo lelo qula wathi ngalo uYehova kuMoses, Hlanganisa abantu, ndibanike amanzi.
-
17
|Números 21:17|
Oko ahlaba amaSirayeli le ngoma: Nyuka, qula; vumani kulo,
-
18
|Números 21:18|
Kwiqula elambiwa ngabathetheli, Lagonjwa ngamanene abantu, Ngentonga yommisi-mthetho, ngemisimelelo yawo. Banduluka entlango, baya eMatana.
-
19
|Números 21:19|
Banduluka eMatana, baya eNahaliyeli. Banduluka eNahaliyeli, baya eBhamoti.
-
20
|Números 21:20|
Banduluka eBhamoti, baya esihlanjeni esisemhlabeni wakwaMowabhi, baya encotsheni yePisga, ekhangele enkangala.
-
21
|Números 21:21|
AmaSirayeli athuma izigidimi kuSihon, ukumkani wama-Amori, esithi, Mandicande ezweni lakho;
-
22
|Números 21:22|
asiyi kuthi gu bucala, siye emasimini nasezidiliyeni; asiyi kusela manzi equla; siya kubamba ngomendo wenkosi, side sicande emdeni wakho.
-
23
|Números 21:23|
Akawavumela uSihon amaSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. USihon wahlanganisa bonke abantu bakhe, waphuma waya kuwahlangabeza amaSirayeli entlango, wafika eYatsa, walwa namaSirayeli.
-
24
|Números 21:24|
AmaSirayeli amxabela ngohlangothi lwekrele, alihlutha ilizwe lakhe, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa koonyana baka-Amon; ngokuba umda woonyana baka-Amon ubuliqele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10