-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Números 21:25|
AmaSirayeli ayithabatha yonke le mizi, ahlala amaSirayeli emizini yonke yama-Amori, eHeshbhon nasemagxamesini ayo.
-
26
|Números 21:26|
Kuba iHeshbhon ngumzi wakwaSihon, ukumkani wama-Amori, owalwa nokumkani wakwaMowabhi wangaphambili, walihlutha lonke ilizwe lakhe kuye, kwesa eArnon.
-
27
|Números 21:27|
Ngenxa yoko babesithi abenzi bemizekeliso: Yizani eHeshbhon, mawakhiwe uzinziswe umzi wakwaSihon;
-
28
|Números 21:28|
Ngokuba kuphume umlilo eHeshbhon, Ilangatye emzini wakwaSihon; Wayidla iAri yakwaMowabhi, Abaninimimango baseArnon.
-
29
|Números 21:29|
Yeha wena, Mowabhi! Nidakile, bantu bakwaKemoshe, Ubanikele oonyana bakhe baba ngabasabi, lintombi zakhe uzinikele ekuthinjweni, KuSihon, ukumkani wama-Amori.
-
30
|Números 21:30|
Sibatolile; idakile iHeshbhon, kwesa eDibhon; Sababhangazisa, kwesa eNofa, Yangumlilo, kwesa eMedebha.
-
31
|Números 21:31|
Ahlala amaSirayeli ezweni lama-Amori.
-
32
|Números 21:32|
Wathuma uMoses ukuba iye kuhlolwa iYazere; bawathimba amagxamesi ayo, bawagqogqa ama-Amori abekhona.
-
33
|Números 21:33|
Bajika, benyuka ngendlela yaseBhashan. Waphuma uOgi, ukumkani waseBhashan, waya kubahlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, ukuba kuliwee-Edreyi.
-
34
|Números 21:34|
Wathi uYehova kuMoses, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe, ukuba wenze kuye njengoko wenzayo kuSihon, unkumkani wama-Amori, owayehleli eHeshbhon.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10