-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
30
|Números 22:30|
Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe? Wathi, Hayi.
-
31
|Números 22:31|
Wawavula uYehova amehlo kaBhileham, wasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele lasongesandla saso. Wathoba waqubuda ngobuso bakhe.
-
32
|Números 22:32|
Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho la maxesha mathathu? Yabona, kuphume mna ukuza kukuchasa; ngokuba ekuboneni kwam le ndlela iseyelisela.
-
33
|Números 22:33|
Landibona iesile, lacezela phaya kum la maxesha omathathu; koko lacezela phaya ngenxa yam, okanye ngendikubulele ngoku wena, ndalisindisa lona.
-
34
|Números 22:34|
Wathi uBhileham kwisithunywa sikaYehova, Ndonile, kuba bendingazi ukuba wena uze kundimela endleleni; ngoku, ukuba kubi emehlweni akho, ndobuya.
-
35
|Números 22:35|
Sathi isithunywa sikaYehova kuBhileham, Hamba namadoda lawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze uthethe lona lodwa. Wahamba ke uBhileham nabathetheli bakaBhalaki.
-
36
|Números 22:36|
Weva uBhalaki ukuba uBhileham uyeza. Waphuma waya kumhlangabeza emzini wakwaMowabhi osemdeni waseArnon, ekupheleni komda.
-
37
|Números 22:37|
Wathi uBhalaki kuBhileham, Andikuthumelanga na ndiqinisile ukuba ndikubize? Yini na ukuba ungezi kum? Ndihleli nje, andinako na ukukuzukisa?
-
38
|Números 22:38|
Wathi uBhileham kuBhalaki, Uyabona, ndifikile kuwe; ndinako na ke ngoku ukuthetha into eyiyo? Ilizwi alibekayo uThixo emlonyeni wam, ndiya kuthetha lona.
-
39
|Números 22:39|
Wahamba uBhileham noBhalaki, bafika eKiriyati-hutsoti.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10