-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Números 23:9|
Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona; Ndisezindulini, ndibonisela yena. Yabona, ngabantu abahlala bodwa, Ababalelwa phakathi kwazo iintlanga.
-
10
|Números 23:10|
Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi, Nesahlulo sesine sakwaSirayeli ngokwenani? Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye, Ukuphela kwam kube njengokwabo!
-
11
|Números 23:11|
Wathi uBhalaki kuBhileham, Yintoni na le nto undenze yona? Ndikuthabathele ukuba uziqalekise iintshaba zam, nanku amana ukuzisikelela.
-
12
|Números 23:12|
Waphendula yena, wathi, Oko akubekileyo uYehova emlonyeni wam, mandingakugcini na, ndikuthethe?
-
13
|Números 23:13|
Wathi uBhalaki kuye, Khawuze siye ndaweni yimbi, apho uya kubabona; wobona isiphelo sabo sodwa, ungababoni bonke bephela; undiqalekiseleke bona apho.
-
14
|Números 23:14|
Wamsa emhlabeni wababoniseli, encotsheni yePisga, wakha izibingelelo ezisixhenxe; wenyusa inkunzi entsha yenkomo, nenkunzi yemvu, kwisibingelelo ngesibingelelo.
-
15
|Números 23:15|
Wathi kuBhalaki, Yenjenje ukuma ngasedinini lakho elinyukayo, ndenjenje mna ukuhlangabeza uYehova.
-
16
|Números 23:16|
UYehova waqubisana noBhileham, wabeka ilizwi emlonyeni wakhe, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.
-
17
|Números 23:17|
Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Uthethe ntoni na uYehova?
-
18
|Números 23:18|
Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Suka ume, Bhalaki uve; Ndibekele indlebe, nyana kaTsipore.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10