-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Números 24:9|
Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi; ngubani na owomvusa? Mabasikelelwe abakusikelelayo, Baqalekiswe abakuqalekisayo.
-
10
|Números 24:10|
Wavutha umsindo kaBhalaki kuBhileham, wazityhwakraza izandla zakhe, wathi uBhalaki kuBhileham, Ndikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam; nanku, umana ukuzisikelela ezi zihlandlo zozithathu.
-
11
|Números 24:11|
Khwelela ngokunje, uye endaweni yakho. Bendithe ndokuzukisa kakhulu; yabona uYehova ukuvimbile uzuko.
-
12
|Números 24:12|
Wathi uBhileham kuBhalaki, Bendingathethanga na nakubathunywa bakho owabathumela kum ndisithi,
-
13
|Números 24:13|
Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andingekhe ndiwugqithe umlomo kaYehova, ndenze okulungileyo nokuba kokubi okuphuma entliziyweni yam; oko akuthethayo uYehova, ndiya kwenza kona.
-
14
|Números 24:14|
Kaloku yabona, ndiyahamba, ndiya ebantwini bakowethu. Yiza ndikutyele into abaya kuyenza aba bantu kubantu bakho ngemihla yokugqibela.
-
15
|Números 24:15|
Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Utsho uBhileham unyana kaBhehore, Itsho indoda ecinywe amehlo.
-
16
|Números 24:16|
Utsho ova ukuthetha kukaThixo, Wakwazi ukwazi kOsenyangweni; Obona umbono woSomandla, Esiwaphantsi, etyhilwe amehlo:
-
17
|Números 24:17|
Ndiyayibona, kungekhona ngoku, Ndiyikhangele, ingekufuphi. Inkwenkwezi iphuma kwaYakobi; Intonga ivela kwaSirayeli, Iwaphaluse amaMowabhi emacaleni omabini, Ibagombe bonke abengxolo;
-
18
|Números 24:18|
UEdom abe lilifa, Abe lilifa uSehire, iintshaba zakhe; USirayeli yena avelise amandla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10