-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|Números 25:14|
Igama lendoda engumSirayeli, leyo yahlatywayo, yahlatywa nomMidiyanekazi, ibinguZimri unyana kaSalu, inkulu yendlu yooyise kwaSimon.
-
15
|Números 25:15|
Igama lenkazana leyo yahlatywayo ingumMidiyanekazi, belinguKozibhi, intombi kaTsure, obeyintloko yezizwe zendlu yooyise kwaMidiyan.
-
16
|Números 25:16|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
17
|Números 25:17|
Wabandezeleni amaMidiyan niwaxabele;
-
18
|Números 25:18|
ngokuba wona anibandezele ngamayelenqe awo abewenzile kuni, ngenxa yendawo kaPehore, nangenxa yendawo kaKozibhi, intombi yenkulu yakwaMidiyan, udade wabo, owahlatywa ngomhla wesibetho ngenxa yendawo kaPehore.
-
1
|Números 26:1|
Kwathi emva kwesibetho eso, wathetha uYehova kuMoses nakuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wathi,
-
2
|Números 26:2|
Balani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, nithabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, ngokwezindlu zooyise, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli.
-
3
|Números 26:3|
UMoses noElazare umbingeleli bathetha nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, besithi,
-
4
|Números 26:4|
Thabathelani kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
-
5
|Números 26:5|
Oonyana bakaSirayeli abaphumayo ezweni lamaYiputa babengaba: kwaRubhen amazibulo kaSirayeli: oonyana bakaRubhen: nguHanoki ozala amaHanoki; nguPalu ozala amaPalu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10