-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Reyes 2:11|
Ke imihla abengukumkani kumaSirayeli uDavide ibingamashumi omane eminyaka; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe; eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.
-
12
|1 Reyes 2:12|
Wahlala ke uSolomon etroneni kaDavide uyise; baqiniseka kunene ubukumkani bakhe.
-
13
|1 Reyes 2:13|
Ke kaloku waya uAdoniya, unyana kaHagiti, kuBhatshebha unina kaSolomon. Wathi yena, Uza ngoxolo na? Wathi, Ngoxolo.
-
14
|1 Reyes 2:14|
Wathi, Ndinelizwi nawe. Wathi, Thetha.
-
15
|1 Reyes 2:15|
Wathi, Uyazi wena ukuba bebubobam ubukumkani, abe ebubhekise kum ubuso bawo onke amaSirayeli, ukuba ndibe ngukumkani. Bathi guququ ubukumkani, baba bobomninawa wam; ngokuba baba bobakhe, buphuma kuYehova.
-
16
|1 Reyes 2:16|
Kungokunje ndicela nto-nye kuwe, uze ungandilanduleli.
-
17
|1 Reyes 2:17|
Wathi kuye, Thetha. Wathi ke, Khawuthethe noSolomon ukumkani, ngokuba akayi kukulandulela, andinike uAbhishagi waseShunem, abe ngumkam.
-
18
|1 Reyes 2:18|
Wathi uBhatshebha, Kulungile, ndokuthethelela kukumkani.
-
19
|1 Reyes 2:19|
Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Wesuka ukumkani waya kumkhawulela, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wammisela itrone unina wokumkani, wahlala ke ngasekunene kwakhe.
-
20
|1 Reyes 2:20|
Wathi, Ndicela nto-nye kuwe; uze ungandilanduleli. Wathi ke ukumkani kuye, Cela, ma, ngokuba andiyi kukulandulela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19