-
-
Xhosa
-
-
31
|1 Reyes 7:31|
Umlomo wayo ubusesazulwini sesiciko, uyikubhite ukuphakama kwawo; umlomo wesiciko uyinqila, senziwe ngokwenziwa koseko; siyikubhite enesiqingatha sekubhite ububanzi; nasemlonyeni waso kwakukho imikrolo; iipanele zaso zazimbombo-ne, azaba zinqila.
-
32
|1 Reyes 7:32|
Ngaphantsi kweepanele yabe iziivili ezine, iiasi zeevili ezo bezimi enqwelwaneni; ukuphakama kwevili kwakuyikubhite nesiqingatha sekubhite.
-
33
|1 Reyes 7:33|
Ukwenziwa kweevili bekunjengokwenziwa kweevili zeenqwelo zonke; iiasi zazo, neefeleni zazo, nezipeki zazo, neenafu zazo, zibe zityhidiwe zonke.
-
34
|1 Reyes 7:34|
Amagxa omane abesezimbombeni zone zenqwelwana, emilile enqwelwaneni amagxa lawo.
-
35
|1 Reyes 7:35|
Emphezulwini wenqwelwana kwakukho inqila ngeenxa zonke; ukuphakama kwawo kusisiqingatha sekubhite; phezu komphezulu wenqwelwana kwaphuma izinto zokubamba neepanele.
-
36
|1 Reyes 7:36|
Emacebeni azo okubamba, nasezipaneleni zawo, wakrola iikerubhi neengonyama namasundu, ngangebala lalo elinye, nezidanga ngeenxa zonke.
-
37
|1 Reyes 7:37|
Wenjenjalo ukuzenza iinqwelwana ezilishumi: waba mnye umtyhido, waba mnye umlinganiso, kwaba kunye ukubonakala kwazo zonke.
-
38
|1 Reyes 7:38|
Wenza ke izitya zokuhlambela zalishumi ngobhedu; sisinye isitya sokuhlambela salingana amashumi amane eebhate: sisinye isitya sokuhlambela siziikubhite ezine; sasisitya sokuhlambela enqwelwaneni kuzo zoshumi.
-
39
|1 Reyes 7:39|
Wabeka iinqwelwana zantlanu ngecala lokunene layo indlu, wabeka zantlanu ngecala lasekhohlo layo indlu; walubeka ulwandle ngecala lokunene layo indlu, lwabheka empumalanga malunga ezantsi.
-
40
|1 Reyes 7:40|
UHuram wazenza nezitya zokuhlambela, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza. UHuram wagqiba ke ukuwenza wonke umsebenzi abewenzela ukumkani uSolomon, wendlu kaYehova:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10