-
-
Xhosa
-
-
41
|1 Reyes 7:41|
iintsika zombini, neembumba zeengqukuva ebezisemantloko eentsika ezo zombini, neminatha yomibini yokuzunguleza iimbumba zombini zeengqukuva ebezisemantloko eentsika;
-
42
|1 Reyes 7:42|
neerharnate ezimakhulu mane zeminatha yomibini: imikrozo emibini yeerharnate kumnatha umnye yokuzunguleza iimbumba ezimbini zeengqukuva, ezibe zisezintsikeni;
-
43
|1 Reyes 7:43|
neenqwelwana ezilishumi, nezitya zokuhlambela ezilishumi ezinqwelwaneni;
-
44
|1 Reyes 7:44|
nolwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kolwandle olo;
-
45
|1 Reyes 7:45|
neembiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neempahla zonke. Zizo ezo izinto uHuram awazenzela ukumkani uSolomon, zendlu kaYehova; bezizezo bhedu olubengezelayo.
-
46
|1 Reyes 7:46|
Ukumkani wazityhidela emmandleni weYordan, emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTsaretan.
-
47
|1 Reyes 7:47|
Waziyeka uSolomon zonke iimpahla zingalinganiswanga, ngokuba bezizininzi kakhulu kunene; abafumaneka ubunzima bobhedu olo.
-
48
|1 Reyes 7:48|
Wazenza ke uSolomon zonke iimpahla zendlu kaYehova: isibingelelo segolide, netafile yegolide ebezikuyo izonka zokubonisa;
-
49
|1 Reyes 7:49|
neziphatho zezibane zegolide ethe shinyi: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, phambi kwendawo yezihlabo; neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide,
-
50
|1 Reyes 7:50|
nezitya, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi, neehinjizi zegolide zeengcango zendlu engaphakathi, eyingcwele kangcwele, nezeengcango zendlu elibhotwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7