-
-
Xhosa
-
-
22
|1 Reyes 3:22|
Yathi enye inkazana, Hayi, ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo. Yathi le, Hayi; unyana wakho ngulowa ufileyo, unyana wam ngulo uhleliyo. Benjenjalo ukuthetha phambi kokumkani.
-
23
|1 Reyes 3:23|
Wathi ukumkani, Le ithi, Ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo; leya ithi, Hayi, unyana wakho ngulowa ufileyo, ngunyana wam lo uhleliyo.
-
24
|1 Reyes 3:24|
Wathi ukumkani, Ndithabatheleni ikrele. Balizisa ke ikrele phambi kokumkani.
-
25
|1 Reyes 3:25|
Wathi ukumkani, Mcandeni kubini lo mntwana uhleliyo, niyinike isahlulo enye, niyinike isahlulo enye.
-
26
|1 Reyes 3:26|
Yathetha le nkazana, ungowayo unyana ohleliyo, kukumkani (ngokuba ibisikwayimfesane ngonyana wayo), yathi, Camagu, nkosi yam, seniyinika lo mntwana uhleliyo; musani ukumbulala afe. Ke enye le yathi, Makangabi ngowam, makangabi ngowakhe; mcandeni.
-
27
|1 Reyes 3:27|
Waphendula ukumkani, wathi, Mnikeni leya umntwana ohleliyo, ningambulali; nguye unina.
-
28
|1 Reyes 3:28|
Asiva onke amaSirayeli isigwebo agwebe ngaso ukumkani; amoyika ukumkani; ngokuba ayebona ukuba ubulumko bukaThixo buphakathi kwakhe, ukuba enze isigwebo.
-
1
|1 Reyes 4:1|
Ukumkani uSolomon waba ngukumkani wamaSirayeli onke.
-
2
|1 Reyes 4:2|
Ngabo aba ke abathetheli abenabo: nguAzariya, unyana kaTsadoki, umbingeleli;
-
3
|1 Reyes 4:3|
ngooElihorefe noAhiya, oonyana bakaShisha, ababhali; nguYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5