-
-
Xhosa
-
-
38
|1 Reyes 22:38|
Yahlanjwa inqwelo yokulwa echibini lakwaSamari; izinja zalixhapha igazi lakhe (ehlamba apho amahenyukazi), ngokwelizwi likaYehova abelithethile.
-
39
|1 Reyes 22:39|
Ezinye izinto zika-Ahabhi, nako konke awakwenzayo, nendlu awayakhayo ngeempondo zeendlovu, nemizi yonke awayakhayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? Walala uAhabhi kooyise;
-
40
|1 Reyes 22:40|
uAhaziya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
41
|1 Reyes 22:41|
UYehoshafati, unyana ka-Asa, waba ngukumkani kwaYuda ngomnyaka wesine ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli.
-
42
|1 Reyes 22:42|
UYehoshafati ube minyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.
-
43
|1 Reyes 22:43|
Wahamba ngeendlela zonke zika-Asa uyise, akatyeka kuzo; esenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.
-
44
|1 Reyes 22:44|
UYehoshafati wahlalelana ngoxolo nokumkani wakwaSirayeli.
-
45
|1 Reyes 22:45|
Ezinye izinto zikaYehoshafati, nobugorha bakhe awabenzayo, nokulwa kwakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
-
46
|1 Reyes 22:46|
Amasalela amangÂ’awu, awasalayo ngemihla kayise uAsa, wawatshayela ezweni.
-
47
|1 Reyes 22:47|
Bekungekho kumkani oko kwaEdom. Bekulawula ibamba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5