-
-
Xhosa
-
-
28
|1 Reyes 22:28|
Wathi uMikaya, Ukuba ubuye wabuya unoxolo, woba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani, nonke zizwe ziphela.
-
29
|1 Reyes 22:29|
Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi.
-
30
|1 Reyes 22:30|
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yambatha iingubo zakho wena. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, wangena ekulweni.
-
31
|1 Reyes 22:31|
Ke ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli bakhe beenqwelo zokulwa abamashumi mathathu anababini, wathi, Ize ningalwi nomnci nane nomkhulu; yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.
-
32
|1 Reyes 22:32|
Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Inene, ngukumkani wakwaSirayeli; batyeka ke, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati.
-
33
|1 Reyes 22:33|
Kwathi, bakubona abathetheli beenqwelo zokulwa ukuba asinguye ukumkani wakwaSirayeli, babuya ekumsukeleni.
-
34
|1 Reyes 22:34|
Wathi umntu watyeda isaphetha, efunisela, watsho kukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi yena kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undise ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.
-
35
|1 Reyes 22:35|
Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram, wafa ngokuhlwa; igazi lenxeba lakhe lankcenkceza, laya esiswini senqwelo.
-
36
|1 Reyes 22:36|
Kwavakala kukhwazwa emkhosini ukutshona kwelanga, kusithiwa, Elowo emzini wakhe! Elowo ezweni lakhe!
-
37
|1 Reyes 22:37|
Wafa ke ukumkani, waziswa kwaSamari. Bamngcwabela ukumkani kwaSamari.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5