-
-
Xhosa
-
-
27
|1 Reyes 21:27|
Kwathi, akuweva uAhabhi loo mazwi kaEliya, wazikrazula iingubo zakhe, wabeka iingubo ezirhwexayo enyameni yakhe, wazila ukudla, walala ngeengubo ezirhwexayo, wahamba kuhle.
-
28
|1 Reyes 21:28|
Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi, Uyakubona na, ukuzithoba kwakhe uAhabhi ebusweni bam?
-
29
|1 Reyes 21:29|
Ngenxa enokuba ezithobile ebusweni bam, andiyi kubuzisa ububi emihleni yakhe; ndiya kuyizisela ububi indlu yakhe ngemihla yonyana wakhe.
-
1
|1 Reyes 22:1|
Kwahlalwa iminyaka yamithathu, kungekho mfazwe phakathi kwama-Aram namaSirayeli.
-
2
|1 Reyes 22:2|
Kwathi ngomnyaka wesithathu wehla uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waya kukumkani wakwaSirayeli.
-
3
|1 Reyes 22:3|
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kubakhonzi bakhe, Anazi na ukuba iRamoti yaseGiliyadi yeyethu, ukanti sithe cwaka thina; asiyihluthi esandleni sokumkani wakwa-Aram?
-
4
|1 Reyes 22:4|
Wathi kuYehoshafati, Wohamba na nam, silwe neRamoti yaseGiliyadi? Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Ndinjengawe; abantu bam banjengabantu bakho, amahashe am anjengamahashe akho.
-
5
|1 Reyes 22:5|
Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuze ilizwi likaYehova namhla.
-
6
|1 Reyes 22:6|
Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, bekumakhulu amane amadoda, wathi kubo, Ndiye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka; iNkosi yoyinikela esandleni sokumkani.
-
7
|1 Reyes 22:7|
Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5