-
-
Xhosa
-
-
18
|1 Reyes 22:18|
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndibe ndingatshongo na, ukuthi kuwe, akayi kuprofeta okuhle ngam, woprofeta ububi bodwa?
-
19
|1 Reyes 22:19|
Wathi yena, Ngako oko, live ilizwi likaYehova: Ndimbonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngakuye, ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe;
-
20
|1 Reyes 22:20|
wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.
-
21
|1 Reyes 22:21|
Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna. Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na?
-
22
|1 Reyes 22:22|
Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Uya kumlukuhla, ufeze; phuma uye, wenjenjalo.
-
23
|1 Reyes 22:23|
Uyabona kaloku, uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho bonke; uYehova uthethe okubi ngawe.
-
24
|1 Reyes 22:24|
Wesuka uZedekiya unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe phi na kum uMoya kaYehova, ukuba aye kuthetha kuwe?
-
25
|1 Reyes 22:25|
Wathi uMikaya, Khangela, uya kubona ngaloo mini, uya kuza uthungele amagumbi, uzimela.
-
26
|1 Reyes 22:26|
Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabathe uMikaya, ubuye naye, umse kuAmon umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani;
-
27
|1 Reyes 22:27|
uthi, Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5