-
-
Xhosa
-
-
17
|1 Reyes 21:17|
Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi,
-
18
|1 Reyes 21:18|
Suka uhle, uye kukhawulela uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli okwaSamari; nanko esesidiliyeni sikaNabhoti, ehle waya kusithabatha.
-
19
|1 Reyes 21:19|
Uze uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ubulele na, wathabatha na? Uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Endaweni ezixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, ziya kulixhaphela khona izinja igazi lakho, wena lo.
-
20
|1 Reyes 21:20|
Wathi uAhabhi kuEliya, Undifumene na, lutshaba lwam? Wathi yena, Ndikufumene; ngenxa enokuba uzithengisele ukwenza okubi emehlweni kaYehova,
-
21
|1 Reyes 21:21|
uyabona, ndikuzisela ububi, ndiwatshayele amavela-mva akho, ndiyinqamle kwa-Ahabhi yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.
-
22
|1 Reyes 21:22|
Ndoyenza indlu yakho ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya, ngenxa yokuqumbisa ondiqumbise ngako, wawonisa amaSirayeli.
-
23
|1 Reyes 21:23|
Kananjalo wathetha uYehova ngoIzebhele, wathi, UIzebhele uya kudliwa zizinja emseleni wongqameko lwaseYizereli.
-
24
|1 Reyes 21:24|
Owakwa-Ahabhi ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu.
-
25
|1 Reyes 21:25|
(Kodwa bekungekho unjengoAhabhi, owazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, owaxhokonxwayo nguIzebhele umkakhe.
-
26
|1 Reyes 21:26|
Wenza ngokwamasikizi kunene, ngokulandela izithixo ezizizigodo, njengoko enza ngako ama-Amori, awawagqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.)
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5