-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 17:11|
OoSawule namaSirayeli onke baweva amazwi alo mFilisti, bathi qhiphu umbilini, boyika kunene.
-
12
|1 Samuel 17:12|
Ke uDavide waye engunyana waloo mEfrata waseBhetelehem yakwaYuda, ugama linguYese, unyana basibhozo; ubeyindoda eyalupheleyo ngemihla kaSawule, emdala kakhulu phakathi kwamanye amadoda.
-
13
|1 Samuel 17:13|
Babeye ekulweni oonyana abathathu bakaYese abakhulu, bemlandela uSawule. Amagama oonyana bakhe abathathu ababeye kulwa nguEliyabhi owamazibulo, emva kwakhe nguAbhinadabhi, owesithathu nguShama.
-
14
|1 Samuel 17:14|
UDavide ubengomncinane; abakhulu bobathathu babelandele uSawule.
-
15
|1 Samuel 17:15|
UDavide ubesiya abuye kuSawule, ukuba aluse impahla emfutshane kayise eBhetelehem.
-
16
|1 Samuel 17:16|
UmFilisti lowo weza kusasa nangokuhlwa, wema imihla emashumi mane.
-
17
|1 Samuel 17:17|
Wathi uYese kuDavide unyana wakhe, Khawuphathele abakhuluwa bakho iefa yamakhweba la, nezonka ezi zilishumi, ugidime uye emkhosini kubakhuluwa bakho,
-
18
|1 Samuel 17:18|
use nezonka zamasi ezi zilishumi kumthetheli-waka, ubavelele abakhuluwa bakho, ubuze ukuphila kwabo, uthabathe isibambiso kubo.
-
19
|1 Samuel 17:19|
USawule ke, kwanabo, namadoda onke akwaSirayeli, ayesentilini kaEla, esilwa namaFilisti.
-
20
|1 Samuel 17:20|
Wavuka kusasa uDavide ngengomso, wayishiya impahla emfutshane nomgcini, wathabatha, wahamba, njengoko wamwiselayo uYese umthetho, wafika eluthangweni lweenqwelo zokulwa, umkhosi uphuma usiya kuma eluhlwini, uhlaba umkhosi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7