-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|1 Samuel 17:21|
AmaSirayeli namaFilisti akha izintlu, uluhlu lukhangelene noluhlu.
-
22
|1 Samuel 17:22|
UDavide wayishiya impahla yakhe esandleni somgcini wempahla, wabaleka waya eluhlwini; wafika, wababuza abakhuluwa bakhe ukuphila kwabo.
-
23
|1 Samuel 17:23|
AkubonÂ’ ukuba uyathetha nabo, nantso inyuka indoda efuna undikho, umFilisti waseGati, egama linguGoliyati, ivela ezintlwini zamaFilisti, yathetha kwalaa mazwi; weva ke uDavide.
-
24
|1 Samuel 17:24|
Onke amadoda akwaSirayeli, akuyibona indoda leyo, asaba ebusweni bayo, oyika kunene.
-
25
|1 Samuel 17:25|
Athi amaSirayeli, Niyibonile na le ndoda inyukayo? Kuba inyuka isiza kungcikiva amaSirayeli; yothi indoda ethe yayibulala, ityetyiswe ngukumkani ngobutyebi obukhulu, ayinike intombi yakhe, ayenze indlu kayise ikhululeke kwaSirayeli.
-
26
|1 Samuel 17:26|
Wathetha uDavide kumadoda abemi ngakuye, wathi, Yothiwani na indoda embuleleyo lo mFilisti, yayisusa ingcikivo kwaSirayeli? Ngokuba ungubani na umFilisti, le nto ingalukileyo, ukuba ade angcikive izintlu zikaThixo ophilileyo?
-
27
|1 Samuel 17:27|
Bathetha abantu kuye ngokwelaa lizwi, bathi, Uya kwenjiwa nje umntu ombuleleyo.
-
28
|1 Samuel 17:28|
Wayekuva uEliyabhi, umkhuluwa wakhe, ukuthetha kwakhe namadoda. Wavutha umsindo kaEliyabhi kuDavide, wathi, Uhleleni na? Uyishiye nabani na laa mpahla imfutshane imbalwa entlango? Ndiyakwazi mna ukukhukhumala kwakho, nobubi bentliziyo yakho; ngokuba uhle uze kubonela ukulwa.
-
29
|1 Samuel 17:29|
Wathi uDavide, Ndenzeni ngoku? Bendibuza nje kodwa.
-
30
|1 Samuel 17:30|
Wee guququ, wabheka komnye obemi ngakuye, wathetha kwaelaa lizwi. Abantu babuya bamphendula kwangelaa lizwi lokuqala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3