-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|1 Samuel 17:41|
UmFilisti wahamba, waya esondela kuDavide, nendoda ephatha ikhaka lakhe ihamba phambi kwakhe.
-
42
|1 Samuel 17:42|
UmFilisti wondela, wambona uDavide, wamdela; ngokuba ebesengumfana oyingqombo, emhle imbonakalo.
-
43
|1 Samuel 17:43|
Wathi umFilisti kuDavide, Ndiyinja na, ukuba uze kum uneentonga? UmFilisti wamtshabhisa uDavide ngoothixo bakhe.
-
44
|1 Samuel 17:44|
Wathi umFilisti kuDavide, Yiza kum apha, ndiyinike iintaka zezulu namarhamncwa asendle inyama yakho.
-
45
|1 Samuel 17:45|
Wathi uDavide kumFilisti, Wena uza kum unekrele, nentshuntshe, nomkhonto; ke mna ndiza kuwe egameni likaYehova wemikhosi, uThixo wezintlu zakwaSirayeli omngcikivileyo.
-
46
|1 Samuel 17:46|
Namhlanje uYehova uya kukunikela esandleni sam, ndikubulale, ndikunqumle intloko, namhla ndizinike iintaka zezulu namarhamncwa omhlaba izidumbu zomkhosi wamaFilisti, wazi wonke umhlaba ukuba amaSirayeli anaye uThixo;
-
47
|1 Samuel 17:47|
lazi lonke eli bandla, ukuba akungakrele, akungantshuntshe ukusindisa kukaYehova; ngokuba imfazwe yekaYehova; woninikela ke esandleni sethu.
-
48
|1 Samuel 17:48|
Kwathi, xa asukayo umFilisti, ehamba esondela, esiya kumhlangabeza uDavide, wakhawuleza uDavide, wabalekela eluhlwini, esiya kumhlangabeza umFilisti.
-
49
|1 Samuel 17:49|
UDavide wafaka isandla sakhe engxoweni, warhola ilitye khona, wasawula, watsho kumFilisti ebunzi; latshona ilitye ebunzini lakhe, wawa ngobuso bakhe emhlabeni.
-
50
|1 Samuel 17:50|
UDavide wameyisa ke umFilisti ngenkwitshi nangelitye, watsho kumFilisti, wambulala, kungekho krele esandleni sikaDavide.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21