-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|1 Samuel 10:25|
USamuweli walithetha ebantwini isiko lobukumkani, walibhala encwadini, wayibeka phambi koYehova. USamuweli wabandulula abantu bonke; baya elowo endlwini yakhe.
-
26
|1 Samuel 10:26|
Naye uSawule waya endlwini yakhe eGibheha; lahamba naye iqela elinobukroti, elintliziyo zichukunyisiweyo nguThixo.
-
27
|1 Samuel 10:27|
Ke bona abangamatshijolo bathi, wothini na ukusisindisa lo? Bamdela; abamzisela mnikelo. Yena wanga akeva.
-
1
|1 Samuel 11:1|
Ke kaloku wenyuka uNahashe, umAmon, wayingqinga iYabheshe yaseGiliyadi. Athi onke amadoda aseYabheshe kuNahashe, Simisele umnqophiso, sikukhonze.
-
2
|1 Samuel 11:2|
Wathi kuwo uNahashe umAmon, Ndiya kunimisela umnqophiso wokuthi, ndinikrukre nonke iliso lasekunene, ndikubeke oko phezu kwamaSirayeli onke, kube sisingcikivo.
-
3
|1 Samuel 11:3|
Athi kuye amadoda amakhulu aseYabheshe, Siyeke iintsuku ezisixhenxe, sithume abathunywa emideni yonke yakwaSirayeli; sithi, ukuba akubangakho usisindisayo, siphume size kuwe.
-
4
|1 Samuel 11:4|
Bafika abathunywa eGibheha yakwaSawule, bawathetha loo mazwi ezindlebeni zabantu; baliphakamisa bonke abantu izwi labo, balila.
-
5
|1 Samuel 11:5|
Nanko uSawule, ehamba emva kweenkomo, evela ezindle; wathi uSawule, Banantoni na abantu, belila nje? Bamxelela ke amazwi amadoda aseYabheshe.
-
6
|1 Samuel 11:6|
UMoya kaYehova wamfikela ngamandla uSawule ekuwaveni kwakhe la mazwi, wavutha umsindo wakhe kunene.
-
7
|1 Samuel 11:7|
Wathabatha iinkomo zambini, wazityatya, wathumela emideni yonke yakwaSirayeli ngesandla sabathunywa, esithi, Ongathanga aphume alandele uSawule, alandele uSamuweli, ziya kwenjiwa nje iinkomo zakhe. Abantu bafikelwa kukunkwantya nguYehova, baphuma njengandoda-nye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7