-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|1 Samuel 11:8|
Wababala eBhezeki; oonyana bakaSirayeli bangamawaka angamakhulu amathathu, namadoda akwaYuda angamawaka angamashumi amathathu.
-
9
|1 Samuel 11:9|
Bathi kubathunywa abafikileyo, Yitshoni kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi ukuthi, Ngomso ukufudumala kwelanga, niya kukhululwa. Bemka abathunywa, bawaxelela amadoda aseYabheshe; avuya ke.
-
10
|1 Samuel 11:10|
Athi amadoda aseYabheshe, Ngomso siya kuphuma size kuni; nenze kuthi ngako konke okulungileyo emehlweni enu.
-
11
|1 Samuel 11:11|
Kwathi ngengomso uSawule wabamisa abantu bazizihlwele ezithathu, bafika phakathi kwempi ngomlindo wokusa, bawabulala ama-Amon yada yafudumala imini. Kwathi aseleyo aphangalaliswa; akwasala kuwo nokuba abe mabini ndaweni-nye.
-
12
|1 Samuel 11:12|
Bathi abantu kuSamuweli, Ngoobanina abo babesithi, USawule uya kuba ngukumkani kuthi na? Waziseni loo madoda, siwabulale.
-
13
|1 Samuel 11:13|
Wathi uSawule, Makungabulawa mntu namhla; ngokuba namhla uYehova wenze usindiso kwaSirayeli.
-
14
|1 Samuel 11:14|
Wathi uSamuweli ebantwini, Hambani, siye eGiligali, sibusungule khona ubukumkani.
-
15
|1 Samuel 11:15|
Baya ke bonke abantu eGiligali; bamenza ukumkani uSawule phambi koYehova eGiligali apho; wabingelela apho imibingelelo yoxolo phambi koYehova. Bavuya kunene apho ooSawule namadoda onke akwaSirayeli.
-
1
|1 Samuel 12:1|
Wathi uSamuweli kumaSirayeli onke, Yabonani, ndiliphulaphule izwi lenu ngako konke enakuthethayo kum, ndanimisela ukumkani.
-
2
|1 Samuel 12:2|
Kaloku nanko ukumkani ehamba phambi kwenu. Ke mna ndaluphele, ndiyingwevu; nabo oonyana bam benani. Mna ndibambe phambi kwenu kwasebuncinaneni bam unanamhla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7