-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|1 Samuel 12:23|
Kananjalo makube lee kum ukuthi ndone kuYehova ngokuyeka ukunithandazela; ndoniyalela indlela elungileyo ethe tye.
-
24
|1 Samuel 12:24|
Kodwa moyikeni uYehova, nimkhonze ngenyaniso, ngentliziyo yenu yonke; ngokuba kuboneni okukhulu anenzele khona.
-
25
|1 Samuel 12:25|
Ke ukuba niphikele ukwenza, nithe nenza okubi, nocinywa, nina kwanokumkani wenu.
-
1
|1 Samuel 13:1|
USawule ebeneminyaka ezelwe, akuba ngukumkani, waba ngukumkani kumaSirayeli iminyaka emibini.
-
2
|1 Samuel 13:2|
USawule wazinyulela amawaka amathathu kumaSirayeli; amawaka amabini ayenoSawule eMikmas nakweleentaba laseBheteli, iwaka elinye laye linoYonatan eGibheha yakwaBhenjamin. Abantu abaseleyo wabandulula, baya elowo ententeni yakhe.
-
3
|1 Samuel 13:3|
UYonatan wayoyisa ikampu yamaFilisti eseGebha, eva amaFilisti. USawule wavuthela ngesigodlo ezweni lonke, esithi, Makeve amaHebhere.
-
4
|1 Samuel 13:4|
AmaSirayeli onke eva kusithiwa, USawule uyoyisile ikampu yamaFilisti; kananjalo amaSirayeli azinukisile kumaFilisti. Abantu bahlatyelwa umkhosi, beza bamlandela uSawule baya eGiligali.
-
5
|1 Samuel 13:5|
AmaFilisti azihlanganisela ukulwa namaSirayeli: iinqwelo zokulwa zaba ngamashumi omathathu amawaka, nabamahashe bangamawaka amathandathu, abantu bangangentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi; anyuka ke amisa iintente eMikmas phambi kweBhetaven.
-
6
|1 Samuel 13:6|
Abona amadoda akwaSirayeli ukuba abandezelekile (kuba abantu bebefingiwe), abantu bazimela emiqolombeni, nasezimfanteni, nasezingxondorheni, nasemiweweni, nasemihadini.
-
7
|1 Samuel 13:7|
Ke kaloku kwawela amaHebhere eYordan, aya ezweni lakwaGadi nelaseGiliyadi. Ke yena uSawule ebeseseGiligali; abantu bonke bamlandela begubha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19