-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|1 Samuel 13:18|
elinye iqela labheka endleleni yaseBhete-horon; elinye iqela labheka endleleni yasemdeni ovelela umfula weTsebhoyim, uye entlango.
-
19
|1 Samuel 13:19|
Ke bekungekho mkhandi ezweni lonke lakwaSirayeli; ngokuba amaFilisti ebesithi, Aya kuze amaHebhere enze amakrele neentshuntshe.
-
20
|1 Samuel 13:20|
AmaSirayeli onke abesihla aye kumaFilisti, alole elowo isikhali sakhe, nesitshetshe sepuluwa yakhe, nezembe lakhe, negaba lakhe,
-
21
|1 Samuel 13:21|
zakuba nezikhewu iintlangothi zamagaba, nezezitshetshe zeepuluwa, nezeefolokhwe, nezamazembe, nezokubaza iimviko.
-
22
|1 Samuel 13:22|
Kwathi ke ngomhla wokulwa, akwafunyanwa krele nantshuntshe esandleni sabantu bonke ababenoSawule noYonatan; ke kuSawule noYonatan unyana wakhe bezikho.
-
23
|1 Samuel 13:23|
Kwaphuma amaFilisti ekampini, aya engxingweni yaseMikmas.
-
1
|1 Samuel 14:1|
Kwathi ngamhla uthile, uYonatan unyana kaSawule wathi kumfana ophatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yamaFilisti ephesheya phaya. Akamxelela uyise.
-
2
|1 Samuel 14:2|
USawule ke wayehleli ekupheleni kweGibheha phantsi komrharnate oseMigron. Abantu ababenaye babekumakhulu amathandathu amadoda,
-
3
|1 Samuel 14:3|
enoAhiya, unyana ka-Ahitubhi, umkhuluwa kaIkabhodi, unyana kaPinehasi, unyana kaEli, umbingeleli kaYehova eShilo, enxibe iefodi. Bebengazi abantu ukuba uYonatan uyile.
-
4
|1 Samuel 14:4|
Ezingxingweni, abefuna ukuphumela kuzo uYonatan, aye ekampini yamaFilisti, bekukho itsolo lengxondorha ngapha; kukho itsolo lengxondorha ngaphaya; igama lelinye libe linguBhotsetse, igama lelinye linguSene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7