-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|1 Samuel 18:7|
Bavuma abafazi abaqambayo, bathi, USawule ubulele amawaka akhe, UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi.
-
8
|1 Samuel 18:8|
USawule wavutha kunene ngumsindo, lalibi emehlweni akhe elo lizwi; wathi, UDavide bamnike amawaka alishumi, mna bandinike amawaka nje; sekusele ukuthi ubukumkani bube bobakhe.
-
9
|1 Samuel 18:9|
USawule wahlala emgxeleshile uDavide, kususela kuloo mini.
-
10
|1 Samuel 18:10|
Kwathi ngengomso, umoya ombi kaThixo wamfikela ngamandla uSawule, wageza endlwini; uDavide ebetha uhadi ngesandla sakhe njengemihla; intshuntshe isesandleni sikaSawule.
-
11
|1 Samuel 18:11|
USawule wabinza ngentshuntshe, wathi, Ndiya kumqhama nodonga uDavide. UDavide waphepha izihlandlo zazibini phambi kwakhe.
-
12
|1 Samuel 18:12|
USawule wamoyika uDavide, ngokuba uYehova ebenaye, emkile kuSawule.
-
13
|1 Samuel 18:13|
USawule wamsusa kuye, wammisa wangumthetheli wakhe wewaka; waphuma engena phambi kwabantu.
-
14
|1 Samuel 18:14|
UDavide wenza ngengqiqo ezindleleni zakhe zonke, uYehova waye enaye.
-
15
|1 Samuel 18:15|
Wabona uSawule ukuba unengqiqo enkulu, wanxunguphala bubuso bakhe;
-
16
|1 Samuel 18:16|
ke onke amaSirayeli namaYuda ebemthanda uDavide, ngokuba ebephuma engena phambi kwawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 1-4