-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
45
|1 Samuel 17:45|
Wathi uDavide kumFilisti, Wena uza kum unekrele, nentshuntshe, nomkhonto; ke mna ndiza kuwe egameni likaYehova wemikhosi, uThixo wezintlu zakwaSirayeli omngcikivileyo.
-
46
|1 Samuel 17:46|
Namhlanje uYehova uya kukunikela esandleni sam, ndikubulale, ndikunqumle intloko, namhla ndizinike iintaka zezulu namarhamncwa omhlaba izidumbu zomkhosi wamaFilisti, wazi wonke umhlaba ukuba amaSirayeli anaye uThixo;
-
47
|1 Samuel 17:47|
lazi lonke eli bandla, ukuba akungakrele, akungantshuntshe ukusindisa kukaYehova; ngokuba imfazwe yekaYehova; woninikela ke esandleni sethu.
-
48
|1 Samuel 17:48|
Kwathi, xa asukayo umFilisti, ehamba esondela, esiya kumhlangabeza uDavide, wakhawuleza uDavide, wabalekela eluhlwini, esiya kumhlangabeza umFilisti.
-
49
|1 Samuel 17:49|
UDavide wafaka isandla sakhe engxoweni, warhola ilitye khona, wasawula, watsho kumFilisti ebunzi; latshona ilitye ebunzini lakhe, wawa ngobuso bakhe emhlabeni.
-
50
|1 Samuel 17:50|
UDavide wameyisa ke umFilisti ngenkwitshi nangelitye, watsho kumFilisti, wambulala, kungekho krele esandleni sikaDavide.
-
51
|1 Samuel 17:51|
Wagidima uDavide, waya wema phezu komFilisti, walithabatha ikrele lakhe, walirhola esingxobeni salo, wambulala, wamnqumla intloko. Abona ke amaFilisti ukuba lifile igorha lawo, asaba.
-
52
|1 Samuel 17:52|
Asuka amadoda akwaSirayeli nawakwaYuda, aduma, awasukela amaFilisti kwada kwayiwa emfuleni, kwesa emasangweni ase-Ekron. Awa amaFilisti angxwelerhiweyo endleleni yaseShaharayim, kwesa naseGati, kwesa nase-Ekron.
-
53
|1 Samuel 17:53|
Babuya oonyana bakaSirayeli ekuwasukeleni ngokushushu amaFilisti, baziphanga iintente zawo.
-
54
|1 Samuel 17:54|
UDavide wayithabatha intloko yomFilisti, wayisa eYerusalem; impahla yakhe wayibeka ententeni yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10