-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|1 Samuel 17:15|
UDavide ubesiya abuye kuSawule, ukuba aluse impahla emfutshane kayise eBhetelehem.
-
16
|1 Samuel 17:16|
UmFilisti lowo weza kusasa nangokuhlwa, wema imihla emashumi mane.
-
17
|1 Samuel 17:17|
Wathi uYese kuDavide unyana wakhe, Khawuphathele abakhuluwa bakho iefa yamakhweba la, nezonka ezi zilishumi, ugidime uye emkhosini kubakhuluwa bakho,
-
18
|1 Samuel 17:18|
use nezonka zamasi ezi zilishumi kumthetheli-waka, ubavelele abakhuluwa bakho, ubuze ukuphila kwabo, uthabathe isibambiso kubo.
-
19
|1 Samuel 17:19|
USawule ke, kwanabo, namadoda onke akwaSirayeli, ayesentilini kaEla, esilwa namaFilisti.
-
20
|1 Samuel 17:20|
Wavuka kusasa uDavide ngengomso, wayishiya impahla emfutshane nomgcini, wathabatha, wahamba, njengoko wamwiselayo uYese umthetho, wafika eluthangweni lweenqwelo zokulwa, umkhosi uphuma usiya kuma eluhlwini, uhlaba umkhosi.
-
21
|1 Samuel 17:21|
AmaSirayeli namaFilisti akha izintlu, uluhlu lukhangelene noluhlu.
-
22
|1 Samuel 17:22|
UDavide wayishiya impahla yakhe esandleni somgcini wempahla, wabaleka waya eluhlwini; wafika, wababuza abakhuluwa bakhe ukuphila kwabo.
-
23
|1 Samuel 17:23|
AkubonÂ’ ukuba uyathetha nabo, nantso inyuka indoda efuna undikho, umFilisti waseGati, egama linguGoliyati, ivela ezintlwini zamaFilisti, yathetha kwalaa mazwi; weva ke uDavide.
-
24
|1 Samuel 17:24|
Onke amadoda akwaSirayeli, akuyibona indoda leyo, asaba ebusweni bayo, oyika kunene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10