-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|1 Samuel 17:25|
Athi amaSirayeli, Niyibonile na le ndoda inyukayo? Kuba inyuka isiza kungcikiva amaSirayeli; yothi indoda ethe yayibulala, ityetyiswe ngukumkani ngobutyebi obukhulu, ayinike intombi yakhe, ayenze indlu kayise ikhululeke kwaSirayeli.
-
26
|1 Samuel 17:26|
Wathetha uDavide kumadoda abemi ngakuye, wathi, Yothiwani na indoda embuleleyo lo mFilisti, yayisusa ingcikivo kwaSirayeli? Ngokuba ungubani na umFilisti, le nto ingalukileyo, ukuba ade angcikive izintlu zikaThixo ophilileyo?
-
27
|1 Samuel 17:27|
Bathetha abantu kuye ngokwelaa lizwi, bathi, Uya kwenjiwa nje umntu ombuleleyo.
-
28
|1 Samuel 17:28|
Wayekuva uEliyabhi, umkhuluwa wakhe, ukuthetha kwakhe namadoda. Wavutha umsindo kaEliyabhi kuDavide, wathi, Uhleleni na? Uyishiye nabani na laa mpahla imfutshane imbalwa entlango? Ndiyakwazi mna ukukhukhumala kwakho, nobubi bentliziyo yakho; ngokuba uhle uze kubonela ukulwa.
-
29
|1 Samuel 17:29|
Wathi uDavide, Ndenzeni ngoku? Bendibuza nje kodwa.
-
30
|1 Samuel 17:30|
Wee guququ, wabheka komnye obemi ngakuye, wathetha kwaelaa lizwi. Abantu babuya bamphendula kwangelaa lizwi lokuqala.
-
31
|1 Samuel 17:31|
Aviwa amazwi awawathethayo uDavide, axelwa phambi koSawule, wamthabatha.
-
32
|1 Samuel 17:32|
Wathi uDavide kuSawule, Makungathambi ntliziyo yamntu ngenxa yakhe; umkhonzi wakho lo uya kuya alwe nalo mFilisti.
-
33
|1 Samuel 17:33|
Wathi uSawule kuDavide, Akunakuya kulo mFilisti ulwe naye; ngokuba usemncinane, abe yena eyindoda eqhele ukulwa kwasebuncinaneni bakhe.
-
34
|1 Samuel 17:34|
Wathi uDavide kuSawule, Umkhonzi wakho lo ebesalusa impahla emfutshane kayise, kwafika ingonyama nebhere, yathabatha ixhwane emhlambini;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10