-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|1 Samuel 16:18|
Waphendula omnye umfana wathi, Yabona, ndibone unyana kaYese waseBhetelehem okwaziyo ukubetha; ligorha elinobukroti, indoda yokulwa, iciko lokuthetha, umfo omhle; uYehova unaye.
-
19
|1 Samuel 16:19|
USawule wathuma abathunywa kuYese, wathi, Mthumele eze kum uDavide, unyana wakho, osempahleni emfutshane.
-
20
|1 Samuel 16:20|
UYese wathabatha iesile, kubotshelelwe izonka kulo, nentsuba yewayini, netakane lalinye lebhokhwe, wathumela ngoDavide unyana wakhe kuSawule.
-
21
|1 Samuel 16:21|
Weza uDavide kuSawule, wema phambi kwakhe; wamthanda kakhulu, waba ngumphathi weentonga zakhe.
-
22
|1 Samuel 16:22|
Wathumela uSawule kuYese, esithi, Makeme phambi kwam uDavide; kuba ubabalwe ndim.
-
23
|1 Samuel 16:23|
Kwathi, wakufika umoya ombi kaThixo kuSawule, uDavide wathabatha uhadi, wabetha ngesandla sakhe; kwee qabu kuSawule, kwalunga kuye, wemka kuye umoya ombi.
-
1
|1 Samuel 17:1|
Ke kaloku amaFilisti ayihlanganisa imikhosi yawo ukuba alwe, ayihlanganisela eSoko ekwaYuda, amisa phakathi kweSoko neAzeka, e-Efesedamim.
-
2
|1 Samuel 17:2|
USawule namadoda akwaSirayeli ahlanganisana, amisa entilini kaEla, akha uluhlu lokulwa ukuba awahlangabeze amaFilisti.
-
3
|1 Samuel 17:3|
AmaFilisti ema ngasentabeni ngapha, amaSirayeli ema ngasentabeni ngapha, umfula uphakathi kwawo.
-
4
|1 Samuel 17:4|
Kwaphuma empini yamaFilisti indoda efuna undikho, egama linguGoliyati waseGati, ebude buziikubhite ezintandathu ezinomolulo weminwe;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10