-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|1 Samuel 27:3|
UDavide wahlala noAkishe eGati, yena namadoda akhe, yayileyo yanendlu yayo; uDavide enabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali waseKarmele, umkaNabhali.
-
4
|1 Samuel 27:4|
Waxelelwa uSawule ukuba uDavide ubalekele eGati, akaba saphinda amfune.
-
5
|1 Samuel 27:5|
Wathi uDavide kuAkishe, Ukuba ke ngoku undibabale, ndinike indawo komnye umzi wasezweni, ndihlale khona; yini na ukuba umkhonzi wakho ahlale ndawonye nawe emzini wakomkhulu?
-
6
|1 Samuel 27:6|
UAkishe wamnika ngaloo mini iTsikelage. Ngako oko iTsikelage yaba yeyokumkani wakwaYuda unanamhla.
-
7
|1 Samuel 27:7|
Inani lemihla, awahlala ngayo uDavide ezweni lamaFilisti, laba ngumnyaka oneenyanga ezine.
-
8
|1 Samuel 27:8|
Ke kaloku wenyuka uDavide namadoda akhe, bawangenela amaGeshure, namaGezere, nama-Amaleki; ngokuba abo bebengabemi belizwe elo, bekuhanjwa kulo ukuyiwa eShure, kuyiwe nasezweni laseYiputa, kususela kwakudala.
-
9
|1 Samuel 27:9|
UDavide walitshabalalisa elo zwe; akasindisa ndoda namfazi. Wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, namaesile, neenkamela, neengubo, wabuya weza kuAkishe.
-
10
|1 Samuel 27:10|
Wathi uAkishe, Khe nahlasela phi na namhlanje? Wathi uDavide, Sibe singenele elasezantsi lakwaYuda, nelasezantsi lamaYerameli, nelasezantsi lamaKeni.
-
11
|1 Samuel 27:11|
UDavide akasindisanga ndoda namfazi, ungamsayo eGati, ngokuthi, Hleze basixele, bathi, Wenjenje uDavide. Lalinjalo ke isiko lakhe yonke imihla abehleli ezweni lamaFilisti.
-
12
|1 Samuel 27:12|
UAkishe wakholwa nguDavide, wathi, Ugqibile ukuzinukisa ebantwini bakowabo kwaSirayeli; woba ngumkhonzi wam ke ngonaphakade.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21