-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|1 Samuel 28:21|
Yeza inkazana leyokuSawule, yabona ukuba ukhwankqe kunene. Yathi kuye, Yabona, umkhonzazana wakho uliphulaphule izwi lakho, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndaweva amazwi akho owathethayo kum.
-
22
|1 Samuel 28:22|
Khawuliphulaphule nawe ngoko izwi lomkhonzazana wakho; makhe ndibeke iqhekeza lesonka phambi kwakho, udle, ube namandla xa uhamba indlela.
-
23
|1 Samuel 28:23|
Akavuma ke; wathi, Andiyi kudla. Bamzama abakhonzi bakhe kwanenkazana leyo. Waliphulaphula izwi labo, wavuka ke emhlabeni, wahlala elukhukweni.
-
24
|1 Samuel 28:24|
Ke kaloku inkazana leyo yayinethole elityetyisiweyo endlwini; yangxama, yalixhela; yathabatha umgubo ocoliweyo, yawuxovula, yosa izonka ezingenagwele ngawo.
-
25
|1 Samuel 28:25|
Yabeka phambi koSawule naphambi kwabakhonzi bakhe. Badla, besuka ke, bahamba ngobo busuku.
-
1
|1 Samuel 29:1|
Ayihlanganisa ke amaFilisti yonke imikhosi yawo eAfeki. AmaSirayeli amisa ngasemthonjeni oseYizereli.
-
2
|1 Samuel 29:2|
Izikhulu zamaFilisti zadlula zinamakhulu, zinamawaka; uDavide namadoda akhe bedlula ngasemva noAkishe.
-
3
|1 Samuel 29:3|
Bathi abathetheli bamaFilisti, Ayini na la maHebhere apha? Wathi uAkishe kubathetheli bamaFilisti, Lo asinguyena uDavide umkhonzi kaSawule, ukumkani wamaSirayeli, oseleneemini neminyaka enam? Andifumananga mposiso kuye, kuthabathela kumhla awaphamba ngawo, kwezisa kule mini.
-
4
|1 Samuel 29:4|
Abathetheli bamaFilisti baba noburhalarhume ngakuye, bathi kuye abathetheli bamaFilisti, Yibuyise loo ndoda, ibuyele endaweni yayo, apho wayiyalela khona, ingehli nathi iye ekulweni, hleze isichase ekulweni. Angazikholisisa ngantoni na lo enkosini yakhe? Akungeentloko zala madoda yini na?
-
5
|1 Samuel 29:5|
Lo asinguye na uDavide, ababevuma ngaye ekungqungqeni, besithi, USawule ubulele amawaka akhe, UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7