-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|1 Samuel 30:5|
Nabafazi bakaDavide bobabini babethinjiwe, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.
-
6
|1 Samuel 30:6|
Wabandezeleka kunene uDavide; ngokuba abantu babethetha ngokumxuluba ngamatye; kuba umphefumlo wabantu bonke ubukrakra, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe. Ke uDavide wazomelezela kuYehova uThixo wakhe.
-
7
|1 Samuel 30:7|
Wathi uDavide kuAbhiyatare umbingeleli, unyana ka-Ahimeleki, Khawuzise iefodi kum. UAbhiyatare wayizisa iefodi kuDavide.
-
8
|1 Samuel 30:8|
Wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndiwasukele na la matutu? Ndowafumana na? Wathi kuye, Sukela; ngokuba uya kuwafumana okunene; uya kuhlangula konke.
-
9
|1 Samuel 30:9|
Wahamba ke uDavide, yena namadoda angamakhulu amathandathu anawo. Bafika emlanjaneni oyiBhesore, amanye asala khona.
-
10
|1 Samuel 30:10|
Wasukela uDavide, yena namakhulu amane amadoda; asala ke amakhulu amabini amadoda aphelelweyo, angenakuwela emlanjaneni oyiBhesore.
-
11
|1 Samuel 30:11|
Ke kaloku bafumana indoda engumYiputa isendle. Bayizisa kuDavide, bayinika isonka; yadla; bayiseza amanzi;
-
12
|1 Samuel 30:12|
bayinika ke icandelo lesicumba samakhiwane namacandelo amabini esicumba seerasintyisi, yadla. Wabuyela kuyo umoya wayo; kuba ibingadlanga kudla, ingaselanga manzi, iimini ezintathu nobusuku obuthathu.
-
13
|1 Samuel 30:13|
Wathi uDavide kuyo, Ungumni na? Uvela phi na? Yathi, Ndingumfana ongumYiputa, isicaka sendoda engumAmaleki; indishiyile inkosi yam; kuba ndintsuku ntathu namhla ndisifa.
-
14
|1 Samuel 30:14|
Sibe sithe sangenela elasezantsi lamaKreti nelakwaYuda, nelasezantsi lakwaKalebhi, sayitshisa iTsikelage ngomlilo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21