-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 16:1|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 16:2|
Nyana womntu, yazise iYerusalem amasikizi ayo, uthi,
-
3
|Ezequiel 16:3|
Itsho iNkosi uYehova kwiYerusalem, ukuthi, Ukuvela kwakho nokuzalwa kwakho kokwasezweni lamaKanan; uyihlo waye engumAmori, unyoko waye engumHetikazi.
-
4
|Ezequiel 16:4|
Ukuzalwa kwakho ke, ngemini yokuzalwa kwakho ayinqunyulwanga imfesane yakho, akuhlanjwanga ngamanzi ukuba usuleke, akuhlikihlwanga ngatyuwa, akusongelwanga zisongelweni.
-
5
|Ezequiel 16:5|
Akubangakho liso linenceba kuwe, ukuze wenzelwe noko inye kwezo zinto, ngokuba nofefe kuwe; walahlelwa endle ngokucatshukelwa kwakho ngemini yokuzalwa kwakho.
-
6
|Ezequiel 16:6|
Ndagqitha kuwe, ndakubona ugqushagqusha egazini lakhe, ndathi kuwe, Usegazini lakho njalo, phila; usegazini lakho njalo, phila!
-
7
|Ezequiel 16:7|
Ndakwenza waba yinyambalala, njengokuntshula kwentsimi; wanda, wakhula, wafika entlahleni yezidlele; waphuma amabele, bahluma uboya bakho; waye ke wena uze kanye.
-
8
|Ezequiel 16:8|
Ke kaloku ndagqitha kuwe, ndakubona, nalo ixesha lakho lilixesha lothando. Ndatwabulula isondo lengubo yam phezu kwakho, ndabugubungela ubuze bakho; ndakufungela, ndanqophisana nawe, itsho iNkosi uYehova; waba ngowam ke.
-
9
|Ezequiel 16:9|
Ke ndakuhlamba ngamanzi, ndakuhlambulula amagazi akho, ndakuthambisa ngeoli.
-
10
|Ezequiel 16:10|
Ndakwambesa ngeengubo ezimfakamfele, ndakunxiba izixathula zesikhumba sehlengezi; ndakujikelisa intloko ngelinen ecikizekileyo, ndakugqubuthela ngesilika.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10