-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Ezequiel 16:21|
ukuba nje ubasike oonyana bam, ubanikele ngokubacandisa bona emlilweni ngenxa yayo?
-
22
|Ezequiel 16:22|
Emasikizini akho onke, nasebuhenywini bakho, akuyikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, oko ubuze kanye, ugqushagqusha egazini lakho.
-
23
|Ezequiel 16:23|
Kwaza kwathi, emva kwezo nto zakho zonke ezimbi (yeha! yeha ke wena! itsho iNkosi uYehova),
-
24
|Ezequiel 16:24|
wazakhela amanqugwala, wazenzela iindawo eziphakamileyo ezitratweni zonke.
-
25
|Ezequiel 16:25|
Emantloko eendlela zonke wazakhela iindawo zakho eziphakamileyo, wabenza ubuhle bakho balisikizi, wayithi qheke imilenze yakho kubo bonke abadlula ngendlela, wabandisa ubuhenyu bakho.
-
26
|Ezequiel 16:26|
Wahenyuza noonyana bamaYiputa, abamelwane bakho abakhulu ngenyama; wabandisa ke ubuhenyu bakho ukuze undiqumbise.
-
27
|Ezequiel 16:27|
Yabona, ndasolula phezu kwakho isandla sam, ndawunciphisa umamkeliso owumiselweyo, ndakunikela elitheni labakuthiyayo, kweleentombi zamaFilisti, ezibe ziyidanele indlela yakho yamanyala.
-
28
|Ezequiel 16:28|
Wahenyuza noonyana baseAsiriya, ngenxa yokuba unganelanga; wahenyuza ke nabo, akwanela noko.
-
29
|Ezequiel 16:29|
Wabandisela ezweni lamaKanan ubuhenyu bakho kwelamaKaledi, akwanela nayiloo nto.
-
30
|Ezequiel 16:30|
Hayi, ukuthamba kwentliziyo yakho! itsho iNkosi uYehova; ukuba wenze zonke ezo zinto, imisebenzi yenkazana ehenyuzayo, esileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7