-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Ezequiel 16:41|
bazitshise izindlu zakho ngomlilo, bazenze kuwe izigwebo emehlweni abafazi abaninzi, ndikunqumamise ungabi saba lihenyu, ungabi, sarhola umvuzo wobuhenyu.
-
42
|Ezequiel 16:42|
Ndobupholisela kuwe ubushushu bam, limke ikhwele lam kuwe, ndizole, ndingabi saqumba.
-
43
|Ezequiel 16:43|
Ngenxa enokuba ungayikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, wesuka wangqungisana nam kwezi zinto zonke: yabona, nam ndikunika ngokwendlela yakho entlokweni yakho, itsho iNkosi uYehova, ukuze ungenzi manyala angaphezu kwamasikizi akho onke.
-
44
|Ezequiel 16:44|
Yabona, bonke abazekelisi baya kuzekelisa ngawe, besithi, Ifuze unina intombi yakhe.
-
45
|Ezequiel 16:45|
Wena uyintombi yonyoko, odimeleyo yindoda yakhe nabantwana bakhe; wena ungudade woodade benu, abadimeleyo ngamadoda abo nabantwana babo; unyoko ngumHetikazi, uyihlo ngumAmori.
-
46
|Ezequiel 16:46|
Udade wenu omkhulu nguSamari namagxamesi akhe, ehleli ngasekhohlo kwakho; nomsakwenu omncinane kuwe, ehleli ngasekunene kwakho, yiSodom namagxamesi ayo.
-
47
|Ezequiel 16:47|
Akuhambanga ke ngeendlela zabo, wenze ngokwamasikizi abo; ukanti ngomzuzwana wonakalise ngaphezu kwabo ngeendlela zakho zonke.
-
48
|Ezequiel 16:48|
Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, iSodom umsakwenu, yona namagxamesi ayo, ayenzanga njengoko wenze ngako wena namagxamesi akho.
-
49
|Ezequiel 16:49|
Nabu ke ubugwenxa beSodom umsakwenu; yabe ilikratshi, nokuhlutha sisonka, nokuchulumacha, yona namagxamesi ayo; ayabamba ngesandla abaziintsizana nabangamahlwempu.
-
50
|Ezequiel 16:50|
Babezidla, besenza amasikizi phambi kwam; ndabasusa, ndakukubona oko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10