-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Ezequiel 23:21|
Wamana ukhumbula amanyala obuncinane bakho, oko amaYiputa abephathe iingono zamabele akho, ngenxa yamabele obuncinane bakho.
-
22
|Ezequiel 23:22|
Ngako oko, Ntente-yam-kuye, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuxhokonxela izithandane zakho, ezo uncothukileyo kuzo umphefumlo wakho; ndizizise phezu kwakho, zivela ngeenxa zonke:
-
23
|Ezequiel 23:23|
oonyana baseBhabheli namaKaledi onke, abaveleli, izikhulu, iinduna, benoonyana bonke baseAsiriya, amadodana aluluhle, amabamba neerhuluneli, bonke bephela, nabaphathi-mikhosi, namaphakathi, bengabakhweli bamahashe bonke bephela.
-
24
|Ezequiel 23:24|
Baya kukufikela benezikhali, neenqwelo zokulwa, neevili, benesikhungu sezizwe; babhekise kuwe iingweletshetshe namakhaka nezigcina-ntloko ngeenxa zonke. Ndolunikela kubo ugwebo, ukuba bakugwebe ngokwamasiko abo,
-
25
|Ezequiel 23:25|
ndikunikele ebukhweleni bam, bakuphathe ngobushushu. Baya kususa impumlo yakho neendlebe zakho, nento yakho eseleyo iwe likrele. Bona baya kuthabatha oonyana bakho neentombi zakho; nento yakho eseleyo itshiswe ngumlilo;
-
26
|Ezequiel 23:26|
bakuhlube iingubo zakho, bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba.
-
27
|Ezequiel 23:27|
Ndowaphelisa amanyala akho nokuhenyuza kwakho kwasezweni laseYiputa, ungabi sawaphakamisela amehlo akho kuwo, ungabi salikhumbula elaseYiputa.
-
28
|Ezequiel 23:28|
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukunikela esandleni sabo ubathiyileyo, esandleni sabo uncothukileyo kubo umphefumlo wakho.
-
29
|Ezequiel 23:29|
Baya kukuphatha ngentiyo, bathabathe konke ukuxelenga kwakho, bakushiye uze kanye, butyhileke ubuze bokuhenyuza kwakho, namanyala akho, nokuhenyuza kwakho.
-
30
|Ezequiel 23:30|
Kuya kwenzeka oko kuwe, ngenxa yokuhenyuza kwakho ekulandeleni iintlanga, ngenxa enokuba uzenze inqambi ngezigodo zazo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40