-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Ezequiel 23:31|
Uhambe ngendlela yomsakwenu; ndoyinikela ke indebe yakhe esandleni sakho.
-
32
|Ezequiel 23:32|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uya kuyisela indebe yomsakwenu, yona leyo inzulu, ibanzi; iya kuba yintlekisa nesigculelo, ngokuba inombilini omkhulu.
-
33
|Ezequiel 23:33|
Uya kuzala kukunxila nasisingqala; yindebe yakwankangala kankangala indebe yodade wenu uSamari.
-
34
|Ezequiel 23:34|
Uya kuyisela ke, uyifince, uwaqobe amagophe ayo, uzijece ngawo amabele; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova.
-
35
|Ezequiel 23:35|
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba undilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, uya kuwathwala nokuwathwala amanyala akho nokuhenyuza kwakho.
-
36
|Ezequiel 23:36|
Wathi uYehova kum, Nyana womntu, uza kubagweba na ooNtente-yakhe noNtente-yam-kuye? Baxelele ke amasikizi abo.
-
37
|Ezequiel 23:37|
Ngokuba bakrexezile, izandla zabo zinegazi; bakrexezene nezigodo zabo; kananjalo oonyana babo, ababazalela mna, babacandisele kuzo, ukuba batshiswe ngumlilo.
-
38
|Ezequiel 23:38|
Babuye benza noku kum: bayenze inqambi ingcwele yam kwangayo loo mini, bazihlambela iisabatha zam;
-
39
|Ezequiel 23:39|
bakuzisikela izigodo zabo oonyana babo, bangena ke engcweleni yam kwangayo loo mini, ukuze bayihlambele; yabona benjenjalo endlwini yam phakathi.
-
40
|Ezequiel 23:40|
Phezu koko bathumele kumadoda avela kude, kwathunyelwa kuwo umthunywa; yabona, afika; wona lawo wazihlambayo umzimba ngenxa yawo, waziqaba amehlo ngomsizi, wavathela wona izivatho zakho;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40