-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Ezequiel 23:41|
wahlala esingqengqelweni esinobuqaqawuli, alungiselwa isithebe phambi kwaso, wabeka ke kuso isiqhumiso sam neoli yam.
-
42
|Ezequiel 23:42|
Izwi lengxokolo latyondyoloza khona. Kumadoda aseluninzini loluntu kwaziswa abaseli basentlango, babafaka izacholo ezihlahleni zabo, nezithsaba zokuhomba ezintlokweni zabo.
-
43
|Ezequiel 23:43|
Ndathi ke kulowo oselehagele ekukrexezeni, Ngokunje uhenyuzo lwakhe luya kukrexeza, lona ngokwalo.
-
44
|Ezequiel 23:44|
Bamngena ke njengoko kungenwa ngako kumfazi olihenyukazi: benjenjalo ukumngena uNtente-yakhe, noNtente-yam-kuye, abo bafazi banamanyala.
-
45
|Ezequiel 23:45|
Ke amadoda angamalungisa, wona ke aya kubagweba ngokwesiko labakrexezikazi, nangokwesiko labaphalazi begazi; ngokuba bengabakrexezikazi, zinegazi izandla zabo.
-
46
|Ezequiel 23:46|
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kubanyusela ibandla, ndibanikele ekunqakulweni nasekuphangweni;
-
47
|Ezequiel 23:47|
ibandla libaxulube ngamatye, libasike ngamakrele alo. Liya kubabulala oonyana babo neentombi zabo, lizitshise izindlu zabo;
-
48
|Ezequiel 23:48|
ndiwaphelise amanyala ezweni, bathethiseke abafazi bonke, bangenzi ngokwamanyala enu.
-
49
|Ezequiel 23:49|
Baya kuwabeka ke amanyala enu phezu kwenu, nizithwale izono zezigodo zenu; nazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40