-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 19:11|
Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango.
-
12
|Génesis 19:12|
Athi amadoda lawo kuLote, Usenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo;
-
13
|Génesis 19:13|
ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba sikhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise.
-
14
|Génesis 19:14|
Waphuma, uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Usuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe.
-
15
|Génesis 19:15|
Izithunywa zamngxamisa uLote ngesifingo, zathi, Vuka, thabatha umkakho, neentombi zakho zombini, aba banokufumaneka, hleze ubhebhethwe ngobugwenxa balo mzi.
-
16
|Génesis 19:16|
Wazilazila; amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini; uYehova emvela, amkhupha, amyeka ngaphandle komzi.
-
17
|Génesis 19:17|
Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe.
-
18
|Génesis 19:18|
Wathi kuwo uLote, Hayi, Nkosi yam.
-
19
|Génesis 19:19|
Khawubone, umkhonzi wakho umbabale. Uyikhulisile inceba yakho ondenzeleyo, ukuba uwusindise umphefumlo wam; mna ke andinako ukuzisindisa ngokuya entabeni, hleze ndinanyathelwe bububi, ndife.
-
20
|Génesis 19:20|
Khawubone, lo mzi ukufuphi, ukuba kubalekelwe kuwo, mncinane; ndanga ndingazisindisa ngokuya kuwo (awumncinane na?), usinde umphefumlo wam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10