-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 27:11|
Wathi uYakobi kuRebheka unina, Yabona, uEsawu umkhuluwa wam yindoda exhonti, mna ndiyindoda egudileyo.
-
12
|Génesis 27:12|
Mhlawumbi ubawo wondiva, ndibe njengomgculeli emehlweni akhe, ndizizisele intshwabulelo, ndingaziziseli intsikelelo.
-
13
|Génesis 27:13|
Wathi unina kuye, Makube phezu kwam ukushwatyulelwa kwakho, nyana wam; phulaphula izwi lam wena, uye undithabathele.
-
14
|Génesis 27:14|
Waya wawathabatha, wawazisa kunina; unina wenza ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo uyise.
-
15
|Génesis 27:15|
URebheka wathabatha iingubo zikaEsawu, unyana wakhe omkhulu, ezinqwenelekayo ezibe zikuye endlwini, wamambathisa uYakobi unyana wakhe omnci.
-
16
|Génesis 27:16|
Izintsu zamatakane lawo ebhokhwe wambathisa ngazo izandla zakhe, nendawo egudileyo yentamo yakhe;
-
17
|Génesis 27:17|
wabeka esandleni sikaYakobi unyana wakhe ukudla okunencasa, nesonka abesenzile.
-
18
|Génesis 27:18|
Weza kuyise, wathi, Bawo! Wathi yena, Ndilapha. Ungubani na, nyana wam?
-
19
|Génesis 27:19|
Wathi uYakobi kuyise, NdinguEsawu, amazibulo akho; ndenze njengoko wathetha ngako kum; khawuvuke ke, uhlale, udle inyamakazi yam, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.
-
20
|Génesis 27:20|
Wathi uIsake kunyana wakhe, Kutheni na le nto ukhawulezileyo ukuyifumana nyana wam? Wathi yena, uYehova uThixo wakho undithamsanqelisile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21