-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Génesis 27:41|
UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam.
-
42
|Génesis 27:42|
Wawaxelelwa uRebheka amazwi kaEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathumela, wambiza uYakobi, unyana wakhe omnci, wathi kuye, Yabona, uEsawu, umkhuluwa wakho, uzithuthuzela ngawe ngokukubulala.
-
43
|Génesis 27:43|
Ngoko ke, nyana wam, phulaphula izwi lam, usuke ubalekele kuLabhan, umnakwethu, kwaHaran;
-
44
|Génesis 27:44|
uhlale naye iintsuku ezithile, bude bubuye ubushushu bomkhuluwa wakho,
-
45
|Génesis 27:45|
ude umsindo womkhuluwa wakho ubuye kuwe, ayilibale into oyenzileyo kuye; ndithumele ke, ndikuphuthume khona. Yini na ukuba ndihluthwe nina nobabini ngamini-nye?
-
46
|Génesis 27:46|
Ke kaloku uRebheka wathi kuIsake, Ndikruqukile bubomi bam ngenxa yeentombi zakwaHeti. Ukuba uYakobi uthe wazeka umfazi ezintombini zakwaHeti, ezinjengezi ntombi zeli lizwe, boba yintoni na kum obu bomi?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7