-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 47:1|
UYosefu waya kumbikela uFaro, wathi, Ufikile ubawo nabazalwana bam, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, neento zonke abanazo, bevela ezweni lakwaKanan; nabo besezweni laseGoshen.
-
2
|Génesis 47:2|
Wakhetha kubo abazalwana bakhe amadoda amahlanu, wawamisa phambi koFaro.
-
3
|Génesis 47:3|
Wathi uFaro kubazalwana bakhe, Uyintoni na umsebenzi wenu? Bathi kuFaro, Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla emfutshane, thina aba kwanoobawo bethu.
-
4
|Génesis 47:4|
Babuya bathi kuFaro, Siphambukele kweli lizwe, kuba akukho tyani bampahla imfutshane abanayo abakhonzi bakho, kuba inzima indlala ezweni lakwaKanan; ngoko ke mabakhe bahlale ezweni laseGoshen abakhonzi bakho.
-
5
|Génesis 47:5|
Wathetha uFaro kuYosefu, wathi, Uyihlo nabazalwana bakho bafikile kuwe.
-
6
|Génesis 47:6|
Ilizwe laseYiputa liphambi kwakho: uyihlo nabazalwana bakho bahlalise kweyona ndawo intle yelizwe; mabahlale ezweni laseGoshen. Ukuba uyazi ukuba kukho kuwo amadoda aziinkunkqele emsebenzini, wamise abe ngabaphathi bemfuyo endinayo.
-
7
|Génesis 47:7|
UYosefu wamngenisa uYakobi uyise, wammisa phambi koFaro. UYakobi wamsikelela uFaro.
-
8
|Génesis 47:8|
UFaro wathi kuYakobi, Mingaphi na iminyaka yobudala bakho?
-
9
|Génesis 47:9|
Wathi uYakobi kuFaro, Imihla yeminyaka yokuba lundwendwe kwam emhlabeni yiminyaka elikhulu elinamanci mathathu; imbalwa, imibi, imihla yeminyaka yobudala bam; ayifikanga emihleni yeminyaka yobudala boobawo, emihleni yokuba lundwendwe kwabo emhlabeni.
-
10
|Génesis 47:10|
UYakobi wamsikela ke uFaro; waphuma, wemka ebusweni bukaFaro.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10