-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Génesis 47:21|
Abantu wabafudusela emizini, kwathabathela ekupheleni komnye umda waseYiputa kwesa ekupheleni komnye.
-
22
|Génesis 47:22|
Ngumhlaba wababingeleli wodwa angawuthenganga; kuba ababingeleli babenesabelo abasimiselweyo esivela kuFaro, besidla isabelo eso simiselweyo, babesinikwe nguFaro; ngenxa yoko bona abathengisanga ngomhlaba wabo.
-
23
|Génesis 47:23|
Wathi uYosefu ebantwini, Yabonani, namhla nina nomhlaba wenu ndinithengele uFaro; nantsi ke imbewu yenu, hlwayelani umhlaba.
-
24
|Génesis 47:24|
Nothi kwinto eniyizuzileyo, nimnike uFaro esesihlanu isahlulo, ezine izahlulo zibe zezenu, zibe yimbewu yentsimi, nezokudliwa nini nangabasezindlwini zenu, nezokudliwa lusapho lwenu.
-
25
|Génesis 47:25|
Bathi, Usisindisile; mayisibabale inkosi yam, soba ngabakhonzi kuFaro.
-
26
|Génesis 47:26|
UYosefu wayimisa loo nto yaba ngummiselo unanamhla phezu komhlaba waseYiputa, ukuba esesihlanu isahlulo sibe sesikaFaro; ngumhlaba wababingeleli wodwa ongabanga ngokaFaro.
-
27
|Génesis 47:27|
Wahlala uSirayeli ezweni laseYiputa, ezweni laseGoshen; baqiniseka ukuma khona, baqhama, banda kunene.
-
28
|Génesis 47:28|
UYakobi wadla ubomi ezweni laseYiputa iminyaka elishumi elinesixhenxe; imihla kaYakobi, iminyaka yobudala bakhe, yaba yiminyaka elikhulu elinamanci amane, aneminyaka esixhenxe.
-
29
|Génesis 47:29|
Yasondela imihla kaSirayeli yokuba afe; wabiza unyana wakhe uYosefu, wathi kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, khawubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam, undenzele inceba nenyaniso. Uze ungakhe undingcwabe eYiputa.
-
30
|Génesis 47:30|
Ke ndiya kulala koobawo; uze undisuse eYiputa, undingcwabe engcwabeni labo. Wathi ke yena, Ndiya kwenza ngokwelizwi lakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10