-
-
Xhosa
-
-
8
|Josué 13:8|
esilifa inxenye yaso salizuza kunye namaRubhen namaGadi, awawanikayo uMoses phesheya kweYordan ngasempumalanga, njengoko abemnikile uMoses umkhonzi kaYehova:
-
9
|Josué 13:9|
lithabathela eArohere, engasemlanjeni oyiArnon, nomzi ophakathi kwesihlambo eso, nehewu lonke laseMedebha, lise eDibhon;
-
10
|Josué 13:10|
nemizi yonke kaSihon ukumkani wama-Amori, obephethe ubukumkani eHeshbhon, lise emdeni woonyana baka-Amon;
-
11
|Josué 13:11|
nelaseGiliyadi, nomda wamaGeshuri, namaMahakati, nentaba yonke yeHermon, neBhashan yonke kuse eSaleka;
-
12
|Josué 13:12|
bonke ubukukumkani bukaOgi eBhashan, obephethe ubukumkani eAshtaroti, nase-Edreyi, ngowayesele kumasalela amaRafa. Wawabetha uMoses wawagqogqa.
-
13
|Josué 13:13|
Noko ke oonyana bakaSirayeli abawagqogqanga amaGeshuri, namaMahakati; ahleli amaGeshuri namaMahakati phakathi kwamaSirayeli unanamhla.
-
14
|Josué 13:14|
Sisizwe sakwaLevi sodwa angasinikanga lifa; ukudla kwasemlilweni kukaYehova uThixo wamaSirayeli lilifa laso, njengoko wathethayo kuso.
-
15
|Josué 13:15|
UMoses wasinika ilifa isizwe soonyana bakaRubhen ngokwemizalwane yabo.
-
16
|Josué 13:16|
Umda wabo wathabathela eArohere, ngasemlanjaneni oyiArnon, nomzi ophakathi kwesihlambo, nehewu lonke elingaseMedebha;
-
17
|Josué 13:17|
iHeshbhon nemizi yayo yonke esehewu; iDibhon, neBhamoti-bhahali, neBhete-bhahali-mehon,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13