-
-
Xhosa
-
-
18
|Josué 13:18|
neYatsa, neKedemoti, neMafahati,
-
19
|Josué 13:19|
neKiriyatayim, neSibhema, neTserete-shahare entabeni yentili;
-
20
|Josué 13:20|
neBhete-pehore, namaxandeka asePisga, neBhete-yeshimoti,
-
21
|Josué 13:21|
nemizi yonke yehewu, nobukumkani bonke bukaSihon ukumkani wama-Amori, obephethe ubukumkani eHeshbhon, owabulawayo nguMoses kunye nezikhulu zakwaMidiyan: ooEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, iinkosana zikaSihon ezihleli kwelo zwe.
-
22
|Josué 13:22|
NoBhileham unyana kaBhehore, itola, bambulala oonyana bakaSirayeli ngekrele, phakathi kwabahlatyiweyo ngabo.
-
23
|Josué 13:23|
Umda woonyana bakaRubhen waba yiYordan nommandla wayo. Lilo elo ilifa loonyana bakaRubhen ngokwemizalwane yabo, imizi yabo nemizana yabo.
-
24
|Josué 13:24|
UMoses isizwe sakwaGadi, oonyana bakaGadi, wabanika ilifa ngokwemizalwane yabo.
-
25
|Josué 13:25|
Umda wabo waba yiYazere, nemizi yonke yaseGiliyadi, nesiqingatha selizwe loonyana baka-Amon, wesa eArohere, ephambi kweRabha;
-
26
|Josué 13:26|
wathabathela eHeshbhon, wesa eRamatimitsepe, neBhetonim; wathabathela eMahanayim, wesa emdeni weLidebhiri; nasentilini:
-
27
|Josué 13:27|
iBhete-haram, neBhete-nimra, neSuloti, neTsafon, amasalela obukumkani bukaSihon ukumkani weHeshbhon, iYordan nommandla wayo, wesa ekupheleni kolwandle lwaseKinerete, phesheya kweYordan ngasempumalanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13