-
-
Xhosa
-
-
28
|Josué 13:28|
Lilo elo ilifa loonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo, imizi yabo, nemizana yabo.
-
29
|Josué 13:29|
UMoses wasinika ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase. Laba lelesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase ngokwemizalwane yabo.
-
30
|Josué 13:30|
Umda wabo wathabathela eMahanayim: iBhashan yonke, bonke ubukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, nemizana yonke yakwaYahire eseBhashan, imizi emashumi mathandathu.
-
31
|Josué 13:31|
Nesiqingatha saseGiliyadi, neAshtaroti, ne-Edreyi, imizi yobukumkani bakaMakire, unyana kaManase, isiqingatha soonyana bakaMakire ngokwemizalwane yabo.
-
32
|Josué 13:32|
Ngawo lawo amafa awawabayo uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi phesheya kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga.
-
33
|Josué 13:33|
Ke isizwe sakwaLevi uMoses asasinikanga lifa. NguYehova uThixo kaSirayeli ilifa laso, njengoko wathethayo kuso.
-
1
|Josué 14:1|
Ngawo ke la amafa abawabelwayo oonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan, abawabelwa nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli,
-
2
|Josué 14:2|
ngeqashiso lelifa labo, njengoko uYehova wawisa umthetho ngesandla sikaMoses, elezizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe.
-
3
|Josué 14:3|
Kuba uMoses ebezinikile ilifa izizwe ezibini nesiqingatha sesizwe, phesheya kweYordan; ke abaLevi akabanikanga lifa phakathi kwazo.
-
4
|Josué 14:4|
Ngokuba oonyana bakaYosefu babezizizwe ezibini, uManase noEfrayim; ke abaLevi ababanikanga sabelo ezweni elo, babanika kuphela imizi yokuhlala, namadlelo ayo emfuyo yabo nempahla yabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Hageo 1-2