-
-
Xhosa
-
-
5
|Josué 14:5|
Njengoko uYehova wamwiselayo uMoses umthetho, benjenjalo oonyana bakaSirayeli, balaba ilizwe.
-
6
|Josué 14:6|
Basondela oonyana bakaYuda kuYoshuwa eGiligali. Wathi uKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, kuye, Uyalazi wena ilizwi awalithethayo uYehova kuMoses umntu kaThixo, ngenxa yam nangenxa yakho, eKadeshe-bharneha.
-
7
|Josué 14:7|
Ndandiminyaka imashumi mane ndizelwe, ekususweni kwam nguMoses umkhonzi kaYehova, eKadeshe-bharneha, ukuba ndeye kulihlola ilizwe; ndambuyisela ilizwi njengoko bekusentliziyweni yam.
-
8
|Josué 14:8|
Abazalwana bam, abanyukayo nam, bayinyibilikisa intliziyo yabantu; ke mna ndakuzalisa ukumlandela uYehova uThixo wam.
-
9
|Josué 14:9|
Wafunga ke uMoses ngaloo mini, esithi, Inene, ilizwe elinyathelwe lunyawo lwakho loba lilifa lakho, neloonyana bakho, kude kuse ephakadeni, ngokuba ukuzalisile ukumlandela uYehova uThixo wam.
-
10
|Josué 14:10|
Khangela ke ngoko, uYehova undisindisile njengoko watshoyo, le minyaka imashumi mane anamihlanu, kususela koko walithethayo uYehova elo lizwi kuMoses, oko amaSirayeli abehamba entlango; yabona ke, ngoku namhla ndiminyaka imashumi asibhozo anamihlanu ndizelwe.
-
11
|Josué 14:11|
Ndisomelele nanamhla, kwanjengamini wandithumayo uMoses; njengoko ayenjalo amandla am oko, asenjalo nangoku amandla am okulwa, kwa-awokuphuma nawokubuya.
-
12
|Josué 14:12|
Ke ngoko ndinike ezo ntaba wathetha zona uYehova ngaloo mini; ngokuba weva wena ngaloo mini ukuba ama-Anaki akhona, imizi yawo mikhulu, inqatyisiwe. Mhlawumbi uYehova woba nam, ndiwagqogqe ke, njengoko watshoyo uYehova.
-
13
|Josué 14:13|
UYoshuwa wamsikelela, wamnika iHebron uKalebhi unyana kaYefune, ukuba ibe lilifa.
-
14
|Josué 14:14|
Ngenxa yoko iHebron yaba lilifa likaKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, unanamhla; ngenxa enokuba wazalisayo ukumlandela uYehova, uThixo kaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13